IMBALI YEBANDLA LASE-KHAYALETHU
Phambi kokuba size kumisa iintente apha eGugulethu besifudula sihlala kwiindawo ezahlukeneyo. Senza ke iingqokelela ke ngoko singamabandla ama-6, sakha iThembalethu eyathi yavulwa ngonyaka ka-1973. Emveni koko ke kwavela imbono yokuba kubekho abathile kuthi abaphumayo baye kuvula elinye isebe e-Section 2, kwalapha eGugulethu, khon’ ukuze umsebenzi wokuhanjiselwa phambili kwesigidimi uhambe ngesantya esiphakamileyo.
Emva nje kweminyaka embalwa laya likhula ngokukhula eli sebe, kuzuzwa imiphefumlo, kwade kwacaca okokuba liwufincile umgangatho wokuba limiselwe njengebandla. Lamiselwa ke, laza lanikwa igama lokuba yi-“KHAYALETHU SDA CHURCH”. Ngelo xesha ke umfundisi kwesi sithili yayinguMfu. D. T. Bandla. Wayegajaza ngelo xesha umfo waseNkosini ephelekwa yimincili, wavakala esithi, “Eli bandla liya kuba likhaya labantu bonke”.
IKhayalethu Church le yaba libandla lesibini kulengingqi yaseGugulethu. Umdala wokuqala yaba nguTata u- J. Qorhana.
Emveni kokuba limiselwe ibandla, iye yaba yimigudu ke ukufumana indawo yokungenela. Ngethamsanqa ke siye safumana indawo eSokhanyo Primary School, eNY 49. Nalapho sanikwa nje ilungelo lokuba sikhonzele apho ngeeSabatha kuphela. Imithandazo yangoLwesithathu, imivulo yeSabatha, iintlanganiso zebandla, neminye imicimbi yebandla sasiyibambela ezindlwini zamalungu ebandla. Kwaqala kwavakala ngeloo xesha ukunyuka kwendlela, saza saqalisa kwangoko ukubetha imali yesakhiwo.
Emveni kweminyaka sikhonzela apho eSokhanyo, yaya yasiphelela indawo apho, saza ke sahamba singcuchalaza sade saya kwamkeleka kwicawa yasePentecostal, eNY 72, ephantsi komfundisi uMinyi.
Ibandla labona okokuba umcimbi wokuhla linyuka lifunana nendawo yokukhonzela uthoba isidima sebandla. Saphuma ngelo xesha kanye isigqibo sokuba kuqaliswe ukwakhiwa, imali iya kumana ingena logama umsebenzi wokwakha wona uqhubeka. Umdala uNdlovu wayilanda I-plan yokwakha ePaarl, emveni koko ke labekwa ilitye lesiseko (foundation). Lithe ibandla lisakubona isiseko (foundation) langena kwinkqubo ngeenkqubo ezifanelekileyo zokubiza imali ebantwini. Singabalula nje inkqubo eyayibizwa ngokuba ngu-“Follow your Leader”, phantsi kukamfundisi uNciya. Yek’oko ke abantu bakaThixo ukuza ngaphambili ngokuqhutywa ziintliziyo zabo.
Lona ke ibali lokwakha lide kakhulu, kuba kungafuneka side sikhankanye nokubiwa kwezixhobo zethu zokwakha. Kodwa ke noxa kwakunjalo, siyambulela uThixo ngabantu abafana nooMdala uNtlantsana kunye noomam’ uRoxo abaye banikezela ngoonyana babo ukuba bagade isakhiwo ubusuku nobusuku.
Salibona ke udonga lukhula. Tyhini! Yayingathi liphupha xa sasibona kuqaliswa nokuxhonywa kophahla.
Sithe sisaqalisa njalo ukuxhoma, suka yasiphelela yona indawo ePentecostal Church. Kwesi sithuba ke ibandla lathabatha isigqibo sokuba siye kungenela kwisakhiwo sethu kanye ngoku sikuloo meko. Lugqityezelwa ukuxhonywa nje uphahla sesingaphakathi. Ngenene sasesidiniwe kukujikeleza. Abona bantu abanqwenela okokuba ide ifike le mini yanamhlanje, babencama bade banikele nangeemali zabo zendodla, kuba bengxamele ukude bawufeze lo msebenzi. Kodwa ke bade baya kulala bengazibonanga iziqhamo zemisebenzi yabo. Singabalula nje uMdala nomama uQorhana, umama uKeke, utata uNteyi, utata uRwaxa, uMdala uNdlovu, uMdala uMbethe, utata nomama uThoba, ooBro. Congwana, oomama uNdabula, oomama uBandla, ndibala ntoni na!
Okunye esinokukubalisa kukuba iKhayalethu nayo iye yathelela kanobom ekuhambiseleni phambili isigidimi. Ngenxa yelinge layo ke kwaye kwazalwa iPhilippi, esele yamiselwayo nayo njengebandla kungoku nje. Nayo iPhilippi leyo iye yawuhambisela phambili umsebenzi weVangeli, yade nayo yazala ibandla iLuyolo, eLower Crossroads.
-
Elder J. Qorhana
-
Elder Mbethe
-
Elder Ndlovu
-
Elder J. Mshudulu
-
Elder Ntlantsana (Snr.)
-
Elder Mncedisi Qorhana
-
Elder Gxanase
-
Elder J. Sihlahla
-
Elder A. Stuurman
-
Elder Mzwandile Steto
-
Elder A. Bali
-
Elder M. D. Dinginto
-
Elder M. Mheshe
-
Elder Z. Mdleleni
-
Elder G.M. Ntlantsana (Jnr.)
-
Elder S. Hlanganisa
-
Elder P. Papu
-
Elder Mike Steto
-
Elder P. Matabeni
-
Elder B. Simani
-
Elder D. Mabusela
-
Elder Zukie Simane